EzintshaUmculo

UMawhoo uzakukhupha ingoma yakhe entsha i ‘Bengicela’

 

 

 

Imvumi yaseMzantsi Afrika uMawhoo ulindeleke ukuba akhuphe eyona ngoma yakhe yamnandi kwingoma zakhe i ‘Bengicela’.

 

Ingoma yakhe elindeleke kakhulu egama lithi, “Bengicela,” kulindeleke ukuba ibonakale nge-13 kwinyanga yeSilimela.

 

Abalandeli abanakuyeka ukuthetha ngayo, nangaphambi kokuba iphume kuba bayayazi le mvumi ikhupha ezona ngoma zimnandi kwaye nelizwi lakhe limnandi.

 

Kweli tyeli, uMawhoo akasebenzi yedwe kule ngoma izakuphuma usebenzisana nabona Bantu bayaziyo into abayenzayo kwaye abanikisa umdla.

 

Wasebenzisana nabavelisi abathathu abanamandla kwaye abathandwayo ngabantu: iJazz Worx, iCeejay, kunye neThukuthela.

 

Ngeqela elinjalo lengoma inesandi esimnandi izakuthamdwa ngabantu kwaye abantu banethemba ukuba eliqela lizokwenza eyona Ngoma ikhe yaba mnandi.

 

Abalandeli baqikelela ukuba “uBengicela” unokuba yimveliso yakhe enkulu okwangoku kuba esebenze neqela eliyaziyo into eliyenzayo.

 

UMawhoo wabelane ngesiqwengana sengoma kukhasi lonxibelelwano u-instagram, eveza intsingiselo enzulu ngale ngoma:

 

“Le ngoma iza njengesibongozo senceba nobulumko bukaThixo.

 

Kuninzi okwenzekayo kwihlabathi elisingqongileyo. Ndithandazela ukuba uThixo asive nazo zonke izikhalo zethu.”

 

Le ntshayelelo yongeza nje imincili, njengoko abaphulaphuli belangazelela ukuva isandi nentliziyo esemva kwaso kwaye bafuna ukuva ilizwi elimnandi okwelizwi lengelosi, ilizwi lika Mawhoo.

 

Waziwa ngamazwi akhe anenyaniso kunye nendlela emnandi acula ngayo , echukumisa abantu abaninzi.

 

UMawhoo unobuchule bokudibanisa izandi zemveli kunye neentshukumo zangoku-ingakumbi kwi-amapiano kunye ne-Afro-house.

Ukuba isandi yinto yokuqala ehamba ngayo, “i-Bengicela” imiselwe ukuba ibe yinto ebetha ngoko nangoko.

 

Kwaye indibaniselwano yayo enamandla yesandi, imvakalelo kunye nomoya izakonwabisa abalandeli baka Mawhoo.