
U-Seemah ucela uxolo emva kokukhuthaza inkqubo yase Russia
UMphembeleli uSeemah Mangolwane ucele uxolo emva kokugxekwa ngokukhuthaza iAlabuga Start, iphulo laseRussia elityholwa ngokuxhaphaza amabhinqa aselula.
Inkqubo, ethengiswe njengethuba lomsebenzi waphesheya kumantombazana aneminyaka eyi-18 ukuya kwengama-22, iye yanxulunyaniswa neemeko eziyingozi zefektri yemfazwe.
Ibangele umsindo emva kokuba uninzi lwabaphembeleli baseMzantsi Afrika beyikhuthaza kwi-Intanethi.
USemah, onabalandeli beTikTok abangaphezu kwe-2.8 yezigidi kunye nabalandeli abangaphezu kwesigidi esi-1.4 kwi-Instagram, uvumile ukuba walamkela eli phulo ngaphandle kokwenza uphando olufanelekileyo.
Uye wachaza ukuba ubone unikezelo njengethuba elingenabungozi lokuhamba kunye nokudala umxholo phesheya.
“Ndilifumene eli phulo linomtsalane kwaye ndalibona njengethuba lokuhambela phesheya, kutheni kungenjalo?” uthe.
“Yonke into yahamba kakuhle, kuquka nokufunyanwa kwediphozithi nokuthengwa kwamatikiti enqwelomoya.”
Watyhila ukuba ebudeni beentsuku ezintathu ehlala eRashiya, akukho nto yayikrokrisa.
Ude wadlan’ indlebe namanye amabhinqa aselula kwesi sakhiwo awagxininisa ukuba “bonwabile yaye baphilile.”
Wathi: “Yonke into yayibonakala iqhelekile, ngoko ndothuka.
Ethatha uxanduva, uSeemah waxolisa ngendima yakhe ekukhuthazeni inkqubo.
“Ndiyaxolisa ngokungazi kwaye ndibeke ubomi babantu abancinci emngciphekweni,” utshilo.
Ngelixa uCyan Boujee eye wacima izithuba zakhe zentengiso kwaye u-Aya Langa ubambelele kwelokuba wabona “akukho nto iphosakeleyo” malunga ngenkqubo.
FUNDA KWAKHONA :ULerato Kganyago ubhala umyalezo omnandi wokuzalwa kumyeni wakhe uThami Ndlala
Ukwamkelwa kukaSeemah kunye nokucela uxolo esidlangalaleni kuye kwaba ngumbindi wencoko.
SIFUMANE KUFACEBOOK :Oosaziwayo.facebook.com
ISebe lezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe kunye neNtsebenziswano liqinisekisile ukuba liwujongile lo mba njengoko inkxalabo malunga nokuxhatshazwa kolutsha olusesichengeni isaqhubeka isanda.
