
Igama elinye: iLesaka. Iindlela ezininzi zokukunceda. Apho ukhoyo, nathi sikhona.
Usenokuba uyawazi la magama: Kazang, EasyPay, Adumo, Cash Connect kunye neRecharger.
Ngoku zonke zidityaniswe phantsi kwegama elinye — iLesaka.
Ayisiyonkampani intsha. Ziinkonzo ezifanayo nezithembekileyo osele uzazi, kodwa ngoku zidityanisiwe ukuze zikwazi ukwenza okungakumbi kuluntu ebezisele zilunceda.
Isithembiso seLesaka silula: “Apho ukhoyo, nathi sikhona.”
Asilindi ukuba abathengi beze kuthi.
Sisebenza kwiindawo apho abantu bahlala khona, baziphilisa khona baze benze ushishino khona — nokuba kusezivenkileni ezincinci, ezirenkini zeeteksi okanye kwiivenkile ezinkulu ezithengisa ngexabiso eliphantsi.
ILesaka sele iyinxalenye ebalulekileyo yoluntu lwethu. Bangaphezu kwezigidi ezibini abantu baseMzantsi Afrika abafumana izibonelelo zikarhulumente ngeeakhawunti zeLesaka.
Abanye abafumana ezi zibonelelo bakwafumene iimali-mboleko kwiLesaka, kanti iintsapho ezingaphezu kwama-750 000 zikhuselwe yi-inshorensi yomngcwabo yeLesaka.
Kwishishini lethu elijolise kubarhwebi, zingaphezu kwe-130 000 iivenkile ezincinci, iivenkile ezinkulu, iivenkile ezithengisa ngexabiso eliphantsi, izikhululo zamafutha kunye neendawo zokutyela ezisebenzisa iLesaka yonke imihla ukuze amashishini azo akhuseleke, asebenze kakuhle kwaye enze inzuzo engakumbi.
Sikwenza oku ngokubonelela ngeenkonzo ezifana nokwamkela iintlawulo ngamakhadi, ukulawulwa kwemali, inkxaso-mali yamashishini, iinkqubo zekhompyutha kunye neenkonzo zokuhlawula kwangaphambili.
Nokuba wondla usapho lwakho okanye uqhuba ishishini, kukho izinto ezintlanu ezibalulekileyo:Hlawula: Hlawula amatyala, uthenge i-airtime, idatha nombane kwivenkile ekufutshane nawe ekuhlaleni.
Fumana: Fumana isibonelelo sakho sikarhulumente, umvuzo wakho okanye iintlawulo ezivela kubathengi bakho ngokukhuselekileyo nangokuthembekileyo.
Boleka: Fumana imali-mboleko yomntu ngamnye elawulwa ngumthetho ukuze uhlawule iindleko ezibalulekileyo ezifana neefizi zesikolo okanye irente.
Ukuba ulishishini, unokufumana nenkxaso-mali yokuthenga isitokhwe.
Khusela: Fumana i-inshorensi yomngcwabo elula nefikelelekayo ukuze ukhusele usapho lwakho.
Khulisa: Fumana inkxaso-mali nezixhobo ezinokunceda ishishini lakho okanye ishishini lakho elisecaleni likhule libe likhulu.
Igama elinye: iLesaka. Iindlela ezininzi zokukunceda.
Apho ukhoyo, nathi sikhona.Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, ndwendwela iwebhusayithi yethu: www.lesaka.tech.
